


70 BONA XHOSA - August 1995
XA uThuli wayeqhawula umtshato nendoda yakhe, uMuzi, abantwana babo abathathu basala kuyise. Wathi akuhamba uThuli owayengumongikazi, uMuzi wasindwa ziindleko zokukhulisa abantwana ngomvuzo wakhe wokuba ngumqhubi webhasi . Wathi uMuzi esacinga ngeendlela zokunciphisa iindleko zakhe, ezaziquka ukufundisa abantwana kwisikolo esixube iintlanga nabahlala kuso abafundi, wabaliselwa ngumhlobo wakhe osebenza enkundleni ngetyala elingaqhelekanga lendoda emangalele umfazi ukuba ahlawule imali yesondlo sabantwana, yaphumelela.
Wagqiba ekubeni naye ammangalele umkakhe, nakubeni usapho lwakowabo nabahlobo bakhe babemtyhafisa ngelithi uya kuba yintlekisa enkundleni. Bemxelela ukuba abantwana ngabendoda, ngoko luxanduva lwendoda ukubondla.
UMuzi akazange abuy'umva, wammangalela umkakhe efuna imali yesondlo sabantwana. Waphumelela kwelo tyala, inkundla yayalela umkakhe ukuba ahlawule i-R150 ngenyanga!
"Akuzange kube lula ukummangalela uThuli, kodwa naye ufanele afake igxalaba ekondleni abantwana kuba ngabethu sobabini, utshilo uMuzi.
Njengoko amabhinqa elwela amalungelo alinganayo, ukondla abantwana yinxalenye yamalungelo abawalwelayo. Xa befuna kulinganwe, kuza kufuneka kulinganwe ngento yonke. Amabhinqa makazi ukuba amalungelo alinganayo athetha ukuba neembopheleleko mazilingane.
Eli bali letyala likaMuzi libonisa ukutshintsha kwento eqhelekileyo. Kudla ngokuba ngamabhinqa amangalela amadoda ukuba ahlawule isondlo sabantwana. Amadoda anikwa ilungelo lokukhulisa abantwana akabamangaleli abafazi bawo ukuba bancedise ekukhuliseni abantwana.
Uthini umthetho ngalo mba? Ngokutsho kukaMnu. Jabulani Sibeko, umtshutshisi oyintloko kwiNkundla yaseMlazi, "Ukondla abantwana luxanduva lwabazali
babo bobabini, nokuba nguwuphi na onelungelo lokubakhulisa - nto leyo idla ngokungahoywa ngamabhinqa.
Sibuze uSibeko ukuba xa kunjalo kungani embalwa amadoda amangalela amabhinqa ukuba ahlawule isondlo sabantwana.
Kaloku ambalwa amadoda akhulisa abantwana. Uninzi
lwamadoda akhulisa abantwana asenokuba akazi ukuba anelungelo lokubamangalela abafazi bawo, okanye ayekiswa sisithethe sokuba ukondla abantwana ngumthwalo wendoda, utshilo uSibeko.
Sibuze uSibeko ukuba asiyonkqatho na ukulindela amabhinqa ukuba ondle abantwana, babe abantwana kubabakayise, kanti amabhincici esoloko engenanto.
Akukho nkqatho tu kuba yimbopheleleko yabazali bobabini ukondla umntwana. Umzali ongahlali nomntwana udla ngokungazazi iindleko zokukhulisa umntwana.
Ngoko xa unina womntwana ongenalo ilungelo lokumkhulisa engancedisi ekumondleni ngokuzithandela, indoda inelungelo lokummangalela.
USibeko usiqinisekise ngelokuba akubikho nkqatho xa inkundla isenza isigqibo ngemali yesondlo emayihlawulwe ngunina. Inkundla iqala ngokuqwalasela iimfuno zomntwana, nokuthi unina unako na ukuhlawula imali yesondlo emvuzweni wakhe nezinye iimbopheleleko anazo. Xa imeko ibonisa ukuba unako ukuhlawula imali yesondlo somntwana, uyayelwa ukuba ayihlawule, utshilo uSibeko elokuqwela.
Zithini izimvo zabanye abantu ngalo mba?
Akafanelanga amabhinqa ahlawule imali yesondlo, itshilo intatheli yeBona. Abantwana endibazale ngaphandle komtshato bakhuliswa ndim kuba andifuni babe nengxaki yokungazazi ukuba babakwabani, enye into ndifuna ukunika oonina ithuba lokuqhubeka nobomi bangasindwa ngumthwalo wabantwana bam.
Ngokulindela ukuba bahlawule imali yesondlo ndiya kuba ndisabathwalisa umthwalo. Oko kuyandinceda kwakhona kuba njengoko abantwana behlala kum yaye bengondliwa ngoonina babo, oko kwenze aqhawuka onke amakhonkco andidibanisa noonina.
UNtofela Bitsoane uthi alifanelanga ibhinqa liyalelwe yinkundla ukuba luhlawule imali yesondlo somntwana kuba lona limthwala iinyanga ezilithoba likhulelwe, live neentlungu zokuzala. Ngaba alanelanga apho igalelo lalo ekukhuliseni umntwana?
Amadoda akafani namabhinqa amangalela amadoda ukuba ahlawule imali enkulu yesondlo, kuba esithi ayawohlwaya. Ukuze amadoda onwabe makathathe abantwana bawo azikhulisele ngokwawo angajongi imali evela koonina.
UNtofela Bitsoane, umthengisi we inshorensi , owamsa kuyise ukuba amkhulise umntwana, uyayingqinela le ntatheli, kodwa ngezizathu ezahlukileyo.
Amabhinqa akafanelanga amondle umntwana. Kaloku wona amthwala iinyanga ezilithoba umntwana, kanti eva neentlungu


BONA XHOSA - August 1995


MAKAYIHLAWULE NA
AMABHINQA IMALI
YESONDLO
SABANTWANA?


UJabulani
Sibeko uthi Ukondla abantwana
ngumthwalo wabazali bobabini ngokwamandla
abo


zokubeleka nezinye iintlungu zokukhulelwa. Ngenxa yoko ndicinga ukuba anegalelo elaneleyo ekukhuliseni umntwana!
Xa uyise womntwana efuna akhuliswe nguye umntwana, kufanele kube ngumthwalo wakhe ngokupheleleyo ukumkhulisa. Unina ufanele amthengele loo nto omthengela yona xa ethanda, ukumbonisa ukuba akamlahlanga.
Akufanelanga kubekho ibhinqa eliyalelwa yinkundla ukuba lihlawule imali yesondlo. Kuyakhubekisa ukusuka kwendoda iyomangalela ibhinqa ukuba londle umntwana!
Sicele uJean Ngubane weWomens Coalition , ekungumbutho olwela nokhusela amalungelo amabhinqa, ukuba anike izimvo zakhe ngalo mba. Kubalulekile ukuba lo mbandela siwujonge ngokwemeko yawo, utshilo. Kudla ngokuba yinkundla eyenza isigqibo sokuba ngubani ofanele ondle abantwana. Ezi zinto zilandelayo ziyaqwalaselwa xa kusenziwa eso sigqibo, imeko yabazali bobabini, intlalo-ntle neemfuno zomntwana, nemeko yemali neembopheleleko zabazali.
EMzantsi-Afrika amadoda akwimeko ewenza abe ngabantu abeme kakuhle ngasemalini kunamabhinqa. Amabhinqa asoloko esenza imisebenzi ephantsi yaye amkela imali encinane.
Kungaba kukungaqiqi nokungasetyenziswa kweDemokhrasi ukuthi amabhinqa makahlawule imali yesondlo sabantwana. Akunakuba yinto eyamkelekileyo phantsi kweemeko zocalucalulo ngokwesini. Kwakhona oko akunakuphumelela, kuba amadoda akalingani namabhinqa ngokwasemalini .
Oko kuya kuxhaphaza yaye kucinezele nangakumbi amabhinqa, xa ingaqwalaselwa into yokuba kwaziwa ukuba amabhinqa akanako ukwakha imizi.
Amadoda makazi ukuba umthetho neMantainace Act uvumela wona ngokucinezela amabhinqa, utshilo.
Nizivele izimvo zabanye abantu, bafundi. NINA nithini ngalo mbandela? Ngaba amabhinqa afanele ayihlawule imali yesondlo, okanye angayihlawuli?.



Amabhinqa adla ngokumangalela amadoda aqhwule imitshato nawo nabafana ancuma nabo ukuba bahlawule imali yesondlo sabantwana. Kwenzeka ntoni xa inguyise wabantwana obakhulisayo? Ngaba naye ufanele ammangalele unina UPRIMROSE WILLIAMS uyaphanda..



72 BONA XHOSA - August 1995

UKHUSELEKO LUQALA EKHAYA

Kufa abantwana abaninzi minyaka le ngenxa yeengozi ezenzeka emakhaya. Nakuba uninzi lweengozi zinokuthintelwa, sicinga ngokuzithintela sekonakele.
Ezinye iimveliso zokucoca ziyingozi xa ziginyiwe. Mazigcinwe kwindawo abangafikeleliyo kuyo abantwana.






Abantwana abaninzi eMzantsi-Afrika babulawa kukwenzakala. Amawakawaka abantwana enzakala minyaka le kanti abaninzi baba ziingxwelerha okanye babe neziva ezibi. Inkoliso yezi ngozi yenzeka ekhaya okanye kufutshane nalo ngozi leyo ibinokuthintelwa.
Singawanciphisa njani la manani? Isisombululo sokhuseleko kukwenza imekobume ekhuselekileyo nokulandela umgaqo osisiseko wokhuseleko mihla le.
INational Childhood Injury Prevention Week eza kuba ngomhla we-6 kuse kowe-12 kuAgasti iza kufundisa abantu ngokubaluleka kokukhusela abantwana bangenzakali.
IChild Accident Prevention Foundation of Southern Africa ( CAPFSA ), ibone izinto ezinokubenzakalisa yaye icebisa ngeendlela zokuwenza akhuseleke amakhaya ethu:
ULUDWE LWAMANYATHELO OKUTHINTELA INGOZI -UKUTSHA
Umzuzwana nje omnye wokungakhathali unokububeka ecinini ubomi bomntwana wakho. Minyaka le, iingozi zokutsha zisuba ubomi babantwana abaninzi eMzantsi-Afrika.
- Umatshisi , amakhandlela nomatshini wokulumeka umdiza wubeke kwindawo ongenakufunyanwa ngabantwana.
- Ungamshiyi yedwa umntwana endlwini kubasiwe, kuvutha ikhandlela , kubaswe ihitha okanye kukhanyiswe isibane.
- IPrimus Stoves zibeke endaweni ekhuselekileyo.
- Ungazigaleli emlilweni zinto ezimanzi ezitshayo emlilweni, ingakumbi xa kukho abantwana.. Bayathanda ukulingisa abantu abakhulu- oko kube neziphumo ezibi.
- Iinkonkxa ezinokutshizwayo zingahlali emlilweni. Ukudubula kwazo
kunokukubangela utshe kakubi.
- Ungabavumeli abantwana badlale ngezixhobo zombane.
Abantwana bafundise ngeengozi zomlilo nokutsha kwanendlela yokuphepha okungahle kube nzakalise. Ukuqonda, ukulumka nolwazi kubalulekile ukuze kuthintelwe ukwenzakaliswa kukutsha.

ITYHEFU:
Abantwana abaselu1a bathanda ukuvavanya izinto ngemilomo yabo, bayathanda nokuchola nantoni na bayifake emilonyeni. Abakwazi ukwahlukanisa amavumba kangangokuba banokuginya nento enevumba elibi.
- Izinto zokucoca ekhaya namayeza wabeke kwindawo abangenakufikelela kuyo.
- IParafini okanye into engamanzi eyingozi ungayigaleli kwibhotile zesiselo esibandayo.
- Xa umntwana umnika iipilisi musa ukumqhatha uthi ziilekese .
- Xelela umntwana ukuba phambi kokuba atye izityalo, amaqunube namakhowa makabuze umntu omdala.

UKUMIWA NOKUFUTHANISELEKA
Ngemizuzwana nje embalwa umntwana unokuthabath'okuthile akuphos'emlonyeni aze amiwe, okanye azigqume ngengxowa yeplastiki aze afuthaniselwe.
- Ungaze ulushiywe lodwa usana luncanca ibhotile .
- Ungminiki ukutya angenakukuhlafuna umntwana.
- Abantwana abafuni miqamelo.












Amaphetshana achaza indlela yokuthintela iingozi afumaneka simahla.
Ukuze uwafumane okanye ufumane ezinye iinkcukacha ngokhuseleko lwabantwana, bhalela ngale dilesi : The Child Accident Prevention
Foundation , Box 13115, Sir Lowry Road , 7900.


- Phambi kokuba usana lulale lukhulule
incebethane.
- Abantwana kufuneka bangadlali
ngengxowa neentambo zeplastiki .

UKURHAXWA:
Abantwana bayawathanda amanzi nto leyo ebenza basoloko befuna ukudlala kuwo.
Kwimizuzu nje emibini umntwana unokurhaxwa engakhali emanzini ayi-4cm.
- Bagade abantwana xa bekufutshane
namanzi.
- Ungaze umshiye eyedwa umntwana ebhafini .
-Wakugqiba ukusebenzisa ibhafu okanye iemele , wachithe amanzi.
- Izitya okanye iemele enamanzi yivale ngesiciko esivaleka ngci.
Abantwana abaninzi barhaxwa ngamanzi ase-emeleni .

UKUWA:
Abantwana abasaqingqayo bayathanda ukuwa kodwa abafane bophuke kuba amathambo abo esathambile. Kodwa ke ukuwa kakubi kunokubenzakalisa, njegokuba bachachambe ukhakayi, bekwenzakala kubuchopho, bagruzuka ebusweni, ophuke amazinyo okanye amalungu omzimba.
- Ungamshiyi yedwa umntwana kwindawo ephakamileyo.
- Bagade abanye abantwana abaselu1a bangafunquli usana.
- Malugadwe ngalo lonke ixesha usana olukhwele kwinqwelana elunceda lufund'ukuhamba.
- Mabangabaleki abantwana xa bephethe into etsolo.
- Abantwana abangaphantsi kweminyaka emithandathu mabangalali kwibhedi exhonywe phezu kwenye.

UKUSETYENZISWA KAKUBI NGOKWESONDO
EMzantsi-Afrika kuthelekelelwa ukuba intombi enye kwezine nenkwenkwana enye kwasibhozo ikhathazwa ngesini ingekafiki kwiminyaka elishumi elinesithandathu.
- Umntwana wakho mxhobise, mfundise ngokusetyenziswa kakubi ngesini.
- Bafundise ukuthi umzimba ngowabo akufanele kubekho obachukumisa okanye obancamisa ngendlela abangayithandiyo.
- Bafundise ukungathathi iilekese , izipho nemali nakubani na obaphayo.
- Bafundise ukuba bangahambi nomntu abangamaziyo okanye bakhwele emotweni yomntu abangamaziyo.
- Bazi apho bakhoyo abantwana bakho ngalo lonke ixesha. 

Iiemele nezinye izitya ezinamanzi mazivalwe ngci okanye zigcinwe kwigumbi elitshixiweyo. Umntwana unokurhaxwa ngamanzi nje ayi-4cm.	

Kwimizuzwana nje embalwa umntwana
unokufaka ingxowa yeplastiki entloko aze afuthaniseleke.






XHOSA August 1995 75
Uveronica Mkari
UKUBA UHLALA
ETJAKASTAD . .

Nali ithuba LAKHO lokuza
kwiRAMA/BONA WOMENS CLUB!

		BONA XHOSA - August 1995 73

-

	NONWABE NEBONA NABAKWARAMA UMHLA:l2 Agasti 1995 
INDAWO: eNsika High School Hall , eTjakastad 
IXESHA: Ngentsimbi ye-2 emva kwemini ukuya kweye-4:30 malanga 
ISITHETHI SEMBEKO: nguNokuthula Varsity Mthethwa 
UMXHOLO: Ulwakhiwo ngokutsha nobufunda ukubhala nokufunda. Amanenekazi aseTjakastad ayamenywa ukuba aye kwindibano yeRAMA/BONA ethembisa ngokubang' umdla nemincili njengezinye iindibano esibe nazo ngaphambili. UNkzn. Nokuthula Varsity Mthethwa, oza kube esisithethi sembeko, unePTC Diploma ayifumana eMgwenya College of Education ngo-1976. Ukususela ngoko wafundisa kwizikolo zamabanga aphantsi ezahlukeneyo kwaye ngoku ungumlungelelanisi wephulo elaziwa ngokuba yiRead ngaphantsi kwesebe lezemfundo lakaNgwane eMpuma- Transvaal . Intetho yakhe malunga nolwakhiwo ngokutsha nobuchule bokufunda nokubhala iza kuqulatha lukhulu kwaye abo baza kube bekhona kule ndibano baza kunikwa ithuba lokumbuza imibuzo. Njengesiqhelo ingcali kuqoqosho lwasekhaya, uVeronica Mkari, uza kube ekho ebonisa enye yeendlela zakhe eziphambili zokupheka. Kuza kutsalwa amatikiti abo bawelwe ngumqa esandleni nabaya kuzuza amabhaso eemveliso zakwaRama. Kuza kuphungwa neti . Ingakuphosi le ndibano inomdla kangaka, amanenekazi ayacelwa akhawuleze afike ukuze afumane indawo.

